Yintoni i-corona kwaye ndingenza ntoni ngayo?

I-Coronavirus okanye i-corona yintsholongwane encinci (incinci kakhulu ukuba uyibone ngamehlo enyama) enokusasazeka kwaye ibangele ukugula ebantwini. I-Corona ibangela iimpawu ezinjengomkhuhlane ezifana nokukhohlela okomileyo, ukuqhawuka kokuphefumla, umkhuhlane kunye nokuqaqamba komzimba. I-Corona ichaphazela ikakhulu inkqubo yokuphefumla. Ngelixa uninzi losulelo lungenabungozi, lunokubangela inyumoniya (usulelo olunzulu kwimiphunga) kwaye lunokubulala kwiimeko ezinzima.

Nabani na unokufumana i-corona. Abantu abadala kunye nabantu esele begula, umzekelo, izifo zokuphefumla, umhlaza okanye isifo seswekile, basemngciphekweni omkhulu wokufumana iziphumo ezibi kakhulu.

I-Corona isasazeka ngokusuka kumathontsi omphefumlo omntu onayo xa ephefumla, ekhohlela okanye ethimlela ebantwini, kwimiphezulu yezinto okanye ekutyeni. Ingena emzimbeni ngomlomo, ngeempumlo, nangamehlo. Xa sele isemzimbeni, iqala ukwanda kwaye isasazeke kwezinye iindawo. I-Corona inokuhlala emzimbeni kangangeentsuku ezili-14 ngaphambi kokuba kubonakale ukuba uyagula. Ke abantu banokuba ne-corona kwaye bangayazi, kwaye badlulisele intsholongwane kwabanye.

I-Corona ayibulawa ziintsholongwane okanye amayeza ekhaya. I-Corona inokuthintelwa kuphela ngokuphepha ukunxibelelana nayo kunye nokuhlamba izandla rhoqo.

Ukuthintela ukosuleleka, hlamba izandla zakho ngesepha namanzi. Yenza njalo, nokuba izandla zakho azibonakali zingcolile. Hlamba ngamandla phantsi kwamanzi abalekayo kangangemizuzwana eli-20 ngesepha, uqiniseke ukuba ukhuhla phantsi kwamazipho kwaye ugubungele sonke isandla nesihlahla. Ukuhlamba izandla zakho ngesepha namanzi kubulala iintsholongwane ezinokuba sezandleni zakho. Zihlambe rhoqo izandla ngaphambi kokuba ulungise ukutya, xa ukulungisa, naa ugqibile ukulungisa, emva kokusebenzisa indlu yangasese, ngaphambi kokutya, xa ukhathalela abagulayo, emva kokuphatha izilwanyana okanye inkunkuma yezilwanyana, nasemva kokukhohlela, ukuthimla, okanye ukufinya.

Kuhilizele ukubamba amehlo akho, impumlo kunye nomlomo ngaphandle kokuhlamba izandla kuqala. Izandla zibamba imiphezulu emininzi kwaye zinokudibana neentsholongwane. Xa sele zidibene nentsholongwane, izandla zinokuyihambisa emehlweni akho, empumlweni okanye emlonyeni. Ukusuka apho, intsholongwane inokungena emzimbeni wakho kwaye unokugula.

Kubaluleke kakhulu ukunqanda ukusondelana naye nabani na onobushushu kunye nokhohlokhohlo okanye onezinye iimpawu zengxaki yokuphefumla. Xa ukhohlela okanye uthimla, soloko uwugquma umlomo wakho kunye nempumlo ngengqiniba yakho egotyiweyo okanye ngesicubu. Emveni koko ulahle izicubu ezisetyenzisiweyo ngokukhawuleza. Ungatshici esidlangalaleni.

Gcina umgama wemitha e-1 ubuncinci phakathi kwakho naye nabani na okhohlelayo okanye othimlayo. Kulumkele ukunxibelelana naye nabani na onobushushu kunye nokhohlokhohlo.

Ukuba ufuna ukunyamekela umntu onobushushu, ukukhohlela kunye nokuphefumla nzima, sukulibala ukunxiba imaski ekhuselayo okanye imaski yelaphu kwaye ngakumbi, ukuziqhelanisa nococeko lwezandla.

Ukuthintela i-Corona, kokona oku khuselelekileyo ukunqanda ukudibana ngokwasemzimbeni nabanye. I-Corona kunye nezinye iintsholongwane zinokudluliswa ngokuxhawulo zandla, nokulandelisa ngokubamba amehlo akho, impumlo kunye nomlomo. Xa udibana nabanye, musa ukubabulisa ngokuxhawula izandla, ukwanga okanye ukuncamisana. Bulisa abantu ngoku wanga-wangisa isandla, okanye ngokunqwala intloko. Ukuba ucinga ukuba kukho i-corona kwindawo ohlala kuyo, hlala ekhaya ukunqanda ukunxibelelana nabanye.

Hlala ekhaya ukuba uqala ukuziva ungaphilanga, nokuba uneempawu ezingaxhalisiyo ezifana nentloko ebuhlungu kunye nempumlo enoncinca, de ube uphilile. Ukuba uyathimla, ube unokhohlokhohlo olomileyo, ubunzima bokuphefumla kunye nobushushu, funa uncedo kugqirha kwangoko njengoko oku kunokwenzeka ngenxa yosulelo lokuphefumla okanye enye imeko enobuzaza.

Iinkolelo zobuxoki kunye namahemuhemu malunga ne-corona anokuba yingozi kakhulu kwaye ade abulale abantu. Umzekelo, ukusela izinto ezifana ne-blitshi okanye utywala kuya kukwenzakalisa endaweni yokuthintela i-corona. Nolwazi olufumana kubahlobo okanye izalamane ezisondeleyo lunokuba lolungachanekanga okanye lube yingozi. Landela ingcebiso echanekileyo yezempilo yoluntu esuka kwigunya lezempilo yendawo ohlala kuyo.

Unganceda ukulwa i-corona ngokusasaza lo myalezo. Nceda wabelane nabahlobo bakho kunye nosapho, ngokukusebenzisa iqonga lemiyalezo elinje ngoWhatsApp.

Lo mxholo unikezwe yi-Audiopedia, iprojekthi yehlabathi yokwenza ulwazi lwempilo lumameleke.